listen to Tru Fm Current Affairs
GREAT KEI MOVEMENT MANIFESTO
Umbutho iGreat Kei Community Movement ngumbutho okumasipala iGreat Kei nongumasipala ophantsi kwe-Amathole District Municipality. Lo mbutho yeminye yemibutho ezakuthatha inxaxheba kunyulo loomasipala. Injongo yawo kukujongana neemfuno zoluntu kwakunye norhulumento. Iidolophu eziphantsi kwalomasipala ziquka iQumrha, Kei Mouth, kwakunye ne Morgan's Bay. Lo masipala akohlukanga kakhulu kwabanye oomasipala abaphantsi komasipala wesithili iAmathole, kuba ungqongwe ziilali ntoleyo ebangela bangenzi ngeniso. Ukuva ngezithembiso zombutho weGreat Kei Movement, sinaye uMzimasi Mtalo.
Phakama Adelaide Movement manifesto
Kusele iintsuku ezingamashumi amathathu anesine phambi ko nyulo looMasipala basekhaya. Njengoko siqhuba nokukhweba amaqela ezopolitiko, namhlanje sibize umbutho iPhakama Adelaide Movement, nozigqatsela phantsi komasipala wesithili iAmathole kunye neRaymond Mhlaba. UAmanda Xhala uncokola nophuma kulo mbutho, uBantu Moyo...
TRUNEWS@6-Mthatha Ratepayers and Residents Association Manifesto
Namhlanje, omnye wemibutho esizakuncokola nayo ngumbutho wabahlali baseMthatha, iMthatha Ratepayers and Residents Association. Lo mbutho uzigqatsel'unyulo kumasipala iKing Sabata Dalindyebo nophantsi komasipala iOR Tambo. Ngoku masingene kumqulu wezithembiso walombutho. UAmanda Xhala ubambe udliwano ndlebe ongunobhala kwi Mthatha Ratepayers and Residents Association, uThembile Zibi...
TRUNEWS@6-UNITED RESIDENTS FRONT
Masive kumbutho iUnited Residents Front ozigqatsele unyulo nawo kumasipala iKSD. UAmanda Xhala uncokola no-Nwabisa Nyoka...
TRUNEWS@6-PHAKAMA EASTERN CAPE MANIFESTO
Kwimiqulu yezithembiso yemibutho, masamkele ngoku umbutho iPhakama Eastern Cape. Lo ngumbutho osemtsha nosekwe kunyaka ophelileyo njengombutho omele abahlali nenjongo yawo ikukukhuthaza uluntu luphendulise urhulumente ngokusilela kwakhe nokusebenzisa gwenxa iimali zabahlawuli berhafu. UAmanda Xhala uncokole nophuma kwi Phakama Eastern Cape, uPhikolomzi Adonis...
TRUNEWS@6-AFRICAN UNEMPLOYED CONGRESS MANIFESTO
Umbutho iAfrican Unemployment Congress, ungomnye yemibutho ezigqatsela isikhundla phantsi kwabanye bomasipala be-OR Tambo District Municipality. UAmanda Xhala uncokole nomongameli weAUC, uSiyabulela Mateza.
TRUNEWS@6- African Socio Economic Party Manifesto
Umasipala wesithili iOR Tambo ngomnye woomasipala besithili abathandathu kwiphondo iMpuma Koloni. Kuqikelelwa ukuba bangaphezulu kwesigidi abantu abahlala kulomasipala. Lo masipala ungqongwe zilali, kwaye inoomasipala basekhaya abahlanu phantsi kwawo, iKing Sabatha Dalindyebo, Nyandeni, Mhlontlo, Port St Johns kwakunye nomasipala Ingquza Hill. Umbutho iAfrican Socio Economic Party yeminye yemibutho ezakuzigqatsela isikhundla kulomasipala iOR Tambo. UAmanda Xhala ubambe udliwanondlebe nophuma kulombutho uLinda Ndenze.
NEWS REVIEW| 2026 LGE debate focusing in the Alfred Nzo region in the EC.
Namhlanje olu lusasazo lukhethekileyo lwengxoxo-mpikiswano yamaqela ezopolitiko angenele unyulo loomasipala luka-2026 noluzakubajwa ngomhla wesine kuNovember. Namhlanje iintente zethu sizigxumeke kwinqila yase-Alfred Nzo enomasipala abane phantsi kwayo, umasipala iNtabankulu, i-Umzimvubu, iMatatiele kunye neWinnie Madikizela-Mandela. Bonke aba masipala baphantsi komasipala isithili i-Alferd Nzo apha eMpuma Koloni.
INTERCHANGE: Township & Rural Economic Development Agency summit
I-Arhente yophuhliso loqoqosho lwasezilokishini nasezilalini (TREDA) isingathe umsitho wesibini wonyaka kwiKomkhulu lamaXhosa eNqadu kuGatyane eMpuma Koloni. Le ndibano ibandakanya urhulumente, abatyalimali, icandelo labucala kunye namashishini akhasayo ukuze bajonge iindlela zokuvula amathuba otyalomali nawezoqoqosho kwiindawo zasemaphandleni. U Ayabonga Kekana wenze udliwano ndlebe nengqonyela yale arhente u Qhamisa Tengile.....
INTERCHANGE: BOOK REVIEW: "When tradition bleed", by Dr Xolani Msila
Kuphicotho ncwadi lwaleveki U Ayabonga Kekana uncokola no Gqirha Xolani Msila, ongumbhali wencwadi enesihloko sithi "When the Tradition Bleeds." UGqirha Msila yinzalelwane yase Dikeni, eMpuma Koloni.
TRU NEWS @6| Employing undocumented foreign nationals may become a costly affair for SA companies and households.
Uluntu lunesithuba senyanga ukuba bavakalise uluvo lwabo kuhlenga-hlengiso lomthetho-sihlomelo wezengqesho, i-Employment Services Amendment Bill. Lo mthetho uyilwayo ungabona iinkampani kunye nemizi isithiwa nkaa ngomdliwo we-hundred thousand rands ngamqeshwa ngamnye ongummi welizwe langaphandle ongenazimpepha zisemthethweni ezimgunyanzisa ukuba abekweli. Eli lilinge likarhulumente lokuqinisekisa ukuba kuqiniswa imithetho elawula imfuduko kweli, nokuba abemi boMzantsi Afrika babekelwa phambili kwingqesho. Ingxelo ka-Zalene Merrington siyilungiselelwe nguVuyolwethu Mabeqa...
TRU NEWS @6| Bonginkosi Sondiyazi contests LGE as an independent candidate in Umzimvubu
Nangengoko siqhuba nokumema imibutho yezopolitiko kuquka nabagqatswa abazimeleyo kunyulo loomasipala luka-2026. Namhlanje enkqubeni sincokole no-Bonginkosi Sondiyazi ongumgqatswa ozimeleyo ku-Ward 20 kumasipala i-Umzimvubu, phantsi komasipala wesithili i-Alfred Nzo eMpuma Koloni, nalapho esixelela ngezicwangciso anazo kuluntu...
TRU NEWS @6| Andisa Mncunzwa contests LGE as an independent candidate in Matatiele
Nangengoko siqhuba nokumema imibutho yezopolitiko kuquka nabagqatswa abazimeleyo kunyulo loomasipala luka-2026. Namhlanje enkqubeni sincokole no-Andisa Mncunzwa ongumgqatswa ozimeleyo ku-Ward 5 eMatatiele, phantsi komasipala wesithili i-Alfred Nzo eMpuma Koloni, nalapho esixelela ngezicwangciso anazo kuluntu...
TRUNEWS @6 - MAKANA UNITED CIVIC MOVEMENT Manifesto
Sele siqalisile ukuva ifuthe lonyulo nanjengoko kusele nje isithuba senyanga phambi konyulo loorhulumente bamakhaya, noluza kubanjwa ngomhla wesine kwinyanga yeNkanga. Ngoku sithetha nombutho olwela amalungelo abahlali base Makhanda, i Makana United Civic Movement. UAyabonga Kekana uncokole nophuma kulo mbutho, u Andile Peter...
TRUNEWS @6 - THINA BAHLALI PEOPLE'S MOVEMENT Manifesto
Siyaqhuba nokuthetha nemibutho yezopolitiko emitsha engenela unyulo loomasipala lwalo nyaka. Sisahleli kumasipala iNdlambe oquka iidolophu ezifana ne-Cawa, iKenton-On Sea, i-Alexandria ne- Bathurst, nophantsi kwesithili iSara Baartman apha eMpuma Koloni. U-Ayabonga Kekana uncokole nenkokheli yombutho iThina Bahlali People's Movement, uXolisa Runeli…
TRUNEWS @6 - NDLAMBE CITIZEN MOVEMENT Manifesto
Nanjengolo kushiyeke iintsuku ezingamashumi amane anesithathu phambi kokuba siye kunyulo loomasipala kwinyanga ye-Nkanga. Imibutho yezopolitiko iyaqhuba nokugaya inkxaso kubavoti koomasipala abohlukileyo. Eminye yemibutho engenela unyulo phakathi kwayo ngumbutho omtsha iNdlambe Citizens Movement nongenela unyulo kumasipala iNdlambe oquka iidolophu ezifana ne-Cawa, iKenton-On Sea, i-Alexandria ne- Bathurst. Ukuncokola ngomqulu wezithembizo zabo, uAyabonga Kekana uthethe nenkokheli yalo mbutho u-Anda Ngeleza…
TRUNEWS @6 - MAKANA CITIZEN FRONT Manifesto
Ngoku masijonge umbutho iMakana Citizen Front ukuba uthembisa ntoni kubahlali. Lo ngumbutho wabahlali esele kulithuba usilwela izidingo zoluntu lwaseMakhanda, ngaphambi kokuba ube ngumbutho wezopolitiko ngo2021. Ukuva ngezicwangciso zabo, uAmanda Xhala uncokole nophuma kwi Makana Citizen Front, uLungile Mxube...
TRUNEWS @6 Movement For Change Manifesto
Njengoko sikwixesha apho ifuthe lonyulo liphezulu, sincokola nemibutho yezopolitiko ngemiqulu yayo yonyulo equlathe izithembiso zayo yezinto ezakuthi izenze ukuphucula imo-ntlalo koomasipala. Namhlanje sibambe umbutho iMovement For Change. U-Amanda Xhala uthethe nophuma kulo mbutho, uNondumiso Solo...
TRUNEWS @6 - AZAPO Manifesto
Njengoko sikwixesha apho ifuthe lonyulo liphezulu, sincokola nemibutho yezopolitiko ngemiqulu yayo yonyulo equlathe izithembiso zayo yezinto ezakuthi izenze ukuphucula imo-ntlalo koomasipala. Namhlanje sibambe umbutho iAZAPO. U-Amanda Xhala uncokole noququzelela unyulo kulo mbutho, uChris Swepu....
NEWS REVIEW| Sara Baartman region 2026 LGE debate
Kusasazo olukhethekileyo lwengxoxo-mpikiswano yamaqela ezopolitiko angenele unyulo loomasipala luka-2026, noluzakubajwa ngomhla wesine kweye Nkanga. Kulonyaka, iingxoxo mpikiswano zethu zigxila koomasipala benqila/sithili, hayi oomasipala basekhaya, njengoko besisenza ngaphambili. Kule nkqubo uYolanda Kambile kunye no-Ayabonga Kekana bakhokele ingxoxo-mpikiswano egxile kwinqila yase-Sarah Baartman enoomasipala abasixhenxe phantsi kwayo, umasipala iNdlambe, iMakana, iSundays River Valley, iKouga, iKoukamma, iBlue Crane kunye ne-Dr Beyer Naude. Bonke aba masipala baphantsi komasipala wesithili i-Sarah Baartman, eMpuma Koloni...
Save video to ...